Izafobe 17 XHO96

1 Akunani kwaukutya iqhekeza lesonka uxolilekunokuba semzini ozele yinyama yamadini kodwa kugquba imbambano.

2 Isicaka esinobulumko sifumana amagunya ngaphezu konyana oza namahlazo,size naso sibe nenxaxheba elifeni njengabanye oonyana.

3 Isiliva ivavanywa ngokuyinyibilikisa embizeni;igolide ivavanywa ezikweni lomlilo;kodwa yona intliziyo yomntu ivavanywa nguNdikhoyo.

4 Umenzi wobubi uyawuphulaphula umlomo onenkohliso,kanti ke ixoki liyibazela iindlebe intetho eyenzakalisayo.

5 Umntu ohlekisa ngehlwempu ugxeka uMdali walo;umntu ozivuyelayo iinkxwaleko zabanye uyohlwaywa.

6 Abazukulwana libhongo lookhokho,kanti ke igugu labantwana ngabazali.

7 Amazwi obuciko akanakufumaneka emlonyeni wesiyatha;amazwi obuxoki akalindelekanga emilebeni yesikhulu.

8 Ukunyoba kufana nomlingo kulowo ukwenzayo;uba kuza kumphumelelisa naphi na apho aya khona.

9 Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa,kodwa lowo umana ewunokoza umcimbi uchitha ubuhlobo.

10 Ukukhalinyelwa kuyamakha umntu onengqondo,kunokuba imivumbo elikhulu injalo kwisiyatha.

11 Umvukeli uqhwaya ingxwaba-ngxwaba;ke ngoko uthunyelwa isigidimi esingenanceba.

12 Kubhetele ukuhlangana nebhere eyohluthwe amathole ayo,kunokuhlangana nesityhakala sisenza ubudenge.

13 Umntu ophindezela ubuhle ngobubisoze yahlukane nelishwa indlu yakhe.

14 Ukuphemba inkathazo kufana nokuqhekezwa kodonga lwedama;ngoko ke nyawuka ingekakongameli.

15 Okhulula umntu onetyala nogweba umntu omsulwabobabini uNdikhoyo uyabacekisa.

16 Kunceda ntoni ukuba isiyatha siphathe imali, sifune ulwazi,kanti asinangqondo?

17 Umhlobo unothando ngamaxesha onke;ke yena umntakwenu uzalelwe ukuba nawe kwiimbandezelo.

18 Ngumntu ongenangqondo obamba isandla ebhambathisa,emela ityala lommelwane.

19 Umntu othanda ingxwaba-ngxwaba uthanda ubugwenxa;umntu osoloko eqhayisa ngezinto zakhe uzibizela iingxaki.

20 Umntu ontliziyo ikhohlisayo akabi nampumelelo;kanti nomntu ontetho ikrwada ungena enkathazweni.

21 Yinto ebuhlungu ukuba nonyana ongenangqondo;uyise wesityhakala soze onwabe.

22 Umntu onentliziyo echwayitileyo uba nempilo;kanti ke wona umoya odakumbileyo uyimpehla emathanjeni.

23 Umntu okhohlakeleyo uyanyotywa ngasese,usuke ke wona umthetho ugqwetheke.

24 Umntu onengqondo unonophela ubulumko;ke sona isityhakala amehlo aso athi elapha abe ephaya.

25 Unyana osisiyatha uzisela uyise ukukhathazeka;kanti ke ungumva-ndedwa kunina omzeleyo.

26 Yinto embi ukuhlawulisa abantu abamsulwa;kuyalumeza ukohlwaya izikhulu ezithembekileyo.

27 Umntu onengqondo uyawakhetha amazwi akhe,kanti ke nomntu oqondayo uhlala epholile.

28 Kanti ke nesiyatha sicingelwa ukuba sisilumko ukuba asithandi kuthetha;kaloku umntu othuleyo ubalelwa ukuba yingqondi.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31