1 Akunani kwaukutya iqhekeza lesonka uxolilekunokuba semzini ozele yinyama yamadini kodwa kugquba imbambano.
2 Isicaka esinobulumko sifumana amagunya ngaphezu konyana oza namahlazo,size naso sibe nenxaxheba elifeni njengabanye oonyana.
3 Isiliva ivavanywa ngokuyinyibilikisa embizeni;igolide ivavanywa ezikweni lomlilo;kodwa yona intliziyo yomntu ivavanywa nguNdikhoyo.
4 Umenzi wobubi uyawuphulaphula umlomo onenkohliso,kanti ke ixoki liyibazela iindlebe intetho eyenzakalisayo.
5 Umntu ohlekisa ngehlwempu ugxeka uMdali walo;umntu ozivuyelayo iinkxwaleko zabanye uyohlwaywa.
6 Abazukulwana libhongo lookhokho,kanti ke igugu labantwana ngabazali.
7 Amazwi obuciko akanakufumaneka emlonyeni wesiyatha;amazwi obuxoki akalindelekanga emilebeni yesikhulu.
8 Ukunyoba kufana nomlingo kulowo ukwenzayo;uba kuza kumphumelelisa naphi na apho aya khona.
9 Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa,kodwa lowo umana ewunokoza umcimbi uchitha ubuhlobo.
10 Ukukhalinyelwa kuyamakha umntu onengqondo,kunokuba imivumbo elikhulu injalo kwisiyatha.
11 Umvukeli uqhwaya ingxwaba-ngxwaba;ke ngoko uthunyelwa isigidimi esingenanceba.
12 Kubhetele ukuhlangana nebhere eyohluthwe amathole ayo,kunokuhlangana nesityhakala sisenza ubudenge.
13 Umntu ophindezela ubuhle ngobubisoze yahlukane nelishwa indlu yakhe.
14 Ukuphemba inkathazo kufana nokuqhekezwa kodonga lwedama;ngoko ke nyawuka ingekakongameli.
15 Okhulula umntu onetyala nogweba umntu omsulwabobabini uNdikhoyo uyabacekisa.
16 Kunceda ntoni ukuba isiyatha siphathe imali, sifune ulwazi,kanti asinangqondo?
17 Umhlobo unothando ngamaxesha onke;ke yena umntakwenu uzalelwe ukuba nawe kwiimbandezelo.
18 Ngumntu ongenangqondo obamba isandla ebhambathisa,emela ityala lommelwane.
19 Umntu othanda ingxwaba-ngxwaba uthanda ubugwenxa;umntu osoloko eqhayisa ngezinto zakhe uzibizela iingxaki.
20 Umntu ontliziyo ikhohlisayo akabi nampumelelo;kanti nomntu ontetho ikrwada ungena enkathazweni.
21 Yinto ebuhlungu ukuba nonyana ongenangqondo;uyise wesityhakala soze onwabe.
22 Umntu onentliziyo echwayitileyo uba nempilo;kanti ke wona umoya odakumbileyo uyimpehla emathanjeni.
23 Umntu okhohlakeleyo uyanyotywa ngasese,usuke ke wona umthetho ugqwetheke.
24 Umntu onengqondo unonophela ubulumko;ke sona isityhakala amehlo aso athi elapha abe ephaya.
25 Unyana osisiyatha uzisela uyise ukukhathazeka;kanti ke ungumva-ndedwa kunina omzeleyo.
26 Yinto embi ukuhlawulisa abantu abamsulwa;kuyalumeza ukohlwaya izikhulu ezithembekileyo.
27 Umntu onengqondo uyawakhetha amazwi akhe,kanti ke nomntu oqondayo uhlala epholile.
28 Kanti ke nesiyatha sicingelwa ukuba sisilumko ukuba asithandi kuthetha;kaloku umntu othuleyo ubalelwa ukuba yingqondi.