1 Umntu ozahlulayo kwabanye ujongana nokwakhe ukulungelwa;uwasengela phantsi onke amacebiso aphilileyo.
2 Umntu osisiyatha akanamdla wakuqonda nto –nto angxamele ukuyenza kukuvakalisa ezakhe iimbono.
3 Xa kuvela umntu okhohlakeleyo ngokunjalo nokudelela kuthath' indawo;ukuphoxa ke kuhambisana nehlazo.
4 Amazwi omlomo womntu anjengesiziba samanzi;kambe ke umthombo wobulumko yintlambo enkcenkcezayo.
5 Yinto embi ukuba nesheyi kumntu onenkohlakalo;akulunganga ukumenzela igobe umntu omsulwa.
6 Ukuthetha komntu osisiyatha kuzala ingxwaba-ngxwaba;amazwi akhe ambizela ukubethwa.
7 Ukuthetha komntu osisityhifili kumzisela inkathazo;umlomo wakhe ngumgibe wakhe.
8 Amazwi entlebendwane ayanambitheka;ahla kamnandi athi ngcoo embilinini.
9 Umntu owuphath' ewuyeka umsebenzi wakheuyintlaka nexolo notshabalalisayo.
10 UNdikhoyo ngumqolomba:bazimela kuye abalungisayo, basinde.
11 Izinhanha zicinga ukuba ubutyebi yinqaba yazo;kuzo ngathi buludonga oluphakamileyo lokuzifihla.
12 Ikratshi lomntu lilandelwa yintshabalalo;ke lona udumo lukhokelwa yintobeko.
13 Ophendula engevanga kuqalabubudenge obo kuye nehlazo.
14 Umoya onganikezeliyo wenza ukuba umntu amelane nokufa.Ke wona umxhelo xa uwile ngubani ongawuvuselelayo?
15 Umntu onengqiqo ufunana nolwazi;ewe, iindlebe zezilumko zibazele lona.
16 Xa ufuna ukuviwa ngabo basemagunyeniphatha umngena-ndlwini xa uya kubo.
17 Intetho yommangali etyaleni iba ngathi iyavakala,xa engekaphicothwa ngemibuzo.
18 Liphelisa ingxabano *iqashiso,libahlule abantu abanamandla.
19 Isizalwana esikhutyekisiweyo silukhuni ngaphezu kwesixeko esinqatyisiweyo;ingxabano yabazalanayo injengemivalo yamasango enqaba.
20 Umntu uzalisa iphango lakhe ngeziqhamo zokuthetha kwakhe;uhlutha sisivuno somlomo wakhe.
21 Ukuthetha komntu kulawula ukuphila nokufa;ke othetha kakhulu uvuna iziqhamo zaloo nto.
22 Umntu ofumene umfazi uzuze okulungileyo;ewe, ufumene okukholekileyo kuNdikhoyo.
23 Ihlwempu liyacenga libongoze,ukanti ke sona isinhanha siphendula rhabaxa.
24 Iitshomi ezininzi ziyamvuthulula umntu;kanti ke sikho sona isihlobo esithembekayo kunomntakwenu.