Izafobe 18 XHO96

1 Umntu ozahlulayo kwabanye ujongana nokwakhe ukulungelwa;uwasengela phantsi onke amacebiso aphilileyo.

2 Umntu osisiyatha akanamdla wakuqonda nto –nto angxamele ukuyenza kukuvakalisa ezakhe iimbono.

3 Xa kuvela umntu okhohlakeleyo ngokunjalo nokudelela kuthath' indawo;ukuphoxa ke kuhambisana nehlazo.

4 Amazwi omlomo womntu anjengesiziba samanzi;kambe ke umthombo wobulumko yintlambo enkcenkcezayo.

5 Yinto embi ukuba nesheyi kumntu onenkohlakalo;akulunganga ukumenzela igobe umntu omsulwa.

6 Ukuthetha komntu osisiyatha kuzala ingxwaba-ngxwaba;amazwi akhe ambizela ukubethwa.

7 Ukuthetha komntu osisityhifili kumzisela inkathazo;umlomo wakhe ngumgibe wakhe.

8 Amazwi entlebendwane ayanambitheka;ahla kamnandi athi ngcoo embilinini.

9 Umntu owuphath' ewuyeka umsebenzi wakheuyintlaka nexolo notshabalalisayo.

10 UNdikhoyo ngumqolomba:bazimela kuye abalungisayo, basinde.

11 Izinhanha zicinga ukuba ubutyebi yinqaba yazo;kuzo ngathi buludonga oluphakamileyo lokuzifihla.

12 Ikratshi lomntu lilandelwa yintshabalalo;ke lona udumo lukhokelwa yintobeko.

13 Ophendula engevanga kuqalabubudenge obo kuye nehlazo.

14 Umoya onganikezeliyo wenza ukuba umntu amelane nokufa.Ke wona umxhelo xa uwile ngubani ongawuvuselelayo?

15 Umntu onengqiqo ufunana nolwazi;ewe, iindlebe zezilumko zibazele lona.

16 Xa ufuna ukuviwa ngabo basemagunyeniphatha umngena-ndlwini xa uya kubo.

17 Intetho yommangali etyaleni iba ngathi iyavakala,xa engekaphicothwa ngemibuzo.

18 Liphelisa ingxabano *iqashiso,libahlule abantu abanamandla.

19 Isizalwana esikhutyekisiweyo silukhuni ngaphezu kwesixeko esinqatyisiweyo;ingxabano yabazalanayo injengemivalo yamasango enqaba.

20 Umntu uzalisa iphango lakhe ngeziqhamo zokuthetha kwakhe;uhlutha sisivuno somlomo wakhe.

21 Ukuthetha komntu kulawula ukuphila nokufa;ke othetha kakhulu uvuna iziqhamo zaloo nto.

22 Umntu ofumene umfazi uzuze okulungileyo;ewe, ufumene okukholekileyo kuNdikhoyo.

23 Ihlwempu liyacenga libongoze,ukanti ke sona isinhanha siphendula rhabaxa.

24 Iitshomi ezininzi ziyamvuthulula umntu;kanti ke sikho sona isihlobo esithembekayo kunomntakwenu.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31