Izafobe 11 XHO96

1 UNdikhoyo umthiyile umntu osebenzisa isilinganiso esinegobe;kambe ke uyamthanda lowo usebenzisa isilinganiso esingenaxanasi.

2 Umntu ozigwagwisayo uyakhawuleza ukuhlazeka;kambe ke kona ukuzithoba kuhamba nobulumko.

3 Ukunyaniseka kuyamalusa umntu othe ngqo,kodwa ke bona ubuqhokolo buyawabhangisa amaqhophololo.

4 Ubutyebi bomntu abumsindisi kwingqumbo kaThixo;sisimo esisulungekileyo kuphela esimhlangulayo umntu ekufeni.

5 Indlela yabantu abamsulwa igudiswa sisimo sabo;ke bona abakhohlakeleyo bawiswa yinkohlakalo yabo.

6 Isimilo siyamsindisa umntu othe ngqo;kodwa bona abangcatshi babhajiswa kukunyoluka.

7 Akufa umntu okhohlakeleyo amathemba akhe ayadaka,nokukholosa kwakhe ngamandla akhe kuyaphutha.

8 Umntu olilungisa uyahlangulwa enkathazweni –endaweni yakhe iwa phezu kwesikhohlakali.

9 Umlomo womntu ongakhathalele Thixo wenzakalisa ummelwane wakhe;ke bona abathobela uThixo balondolozwa lulwazi.

10 Inkqubela yamalungisa itsho uchulumance umzi wonke;kanti ke ukufa kwezikhohlakali kutsho kuhlokome yimivuyo.

11 Isixeko siyaphakanyiswa sakuthamsanqelwa ngabantu abathe ngqo;kambe ke wona amazwi ezikhohlakali ayasitshabalalisa isixeko.

12 Umntu ongenangqondo uyabanyemba abanye abantu;ke yona ingqondi ithi cwaka.

13 Umntu ongenasifuba uyazidiza iimfihlelo;kambe ke yena othembekileyo uyaligcina ihlebo.

14 Isizwe esingenamcebisi siyawa;kanti ke xa sinabacebisi abaninzi siba luqilima.

15 Umntu omela omnye angamaziyo uyenzakala;ke yena ongavumiyo ukubamba isandla somnye ebhambathisa ukhuselekile.

16 Umfazi onesimilo uyahlonitshwa;ke wona amadoda aziindlavini azizuzela kuphela ubutyebi.

17 Umntu onobubele uyazimaseka;kambe ke yena ongqwabalala uyazenzakalisa.

18 Okuzuzwa ngumntu okhohlakeleyo ngenkohliso kuyaphela,phofu ke ohlala esenza okulungileyo ufumana umvuzo oqinisekileyo.

19 Ubulungisa obububo busingisa ebomini;ke yena oleqa ububi usingisa ekufeni.

20 UNdikhoyo ubathiyile abantu abantliziyo zinenkohlakalo;kanti ke ukholiswa ngabasimo sisulungekileyo.

21 Ngokuqinisekileyo baya kohlwaywa abantu abenza izinto ezimbi;kambe ke bona abenza izinto ezilungileyo baya kusinda.

22 Ubunzwakazi bomfazi ongenangqiqobufana nomsesane wegolide empumlweni yehagu.

23 Umnqweno womntu olilungisa uzala ubuhle;ke lona ithemba lesikhohlakali liza nengqumbo.

24 Abanye abantu banezinwe kodwa bahambela phambili ngenkqubela;kanti ke bambi abasoluli isandla noko baya beswela ngokuswela.

25 Umntu ophayo uba nenkqubela;ukuba ùyabanceda abanye abantu nawe uya kuncedwa.

26 Abantu bayamshwabulela umntu okubandezayo ukudla;kanti ke bayamthamsanqela lowo ukuthengisayo.

27 Umntu ofuna okuhle uzuza okulungileyo;phofu ke yena ozungula ububi uzuza kwabona.

28 Umntu okholosa ngobutyebi bakhe uvuthuluka njengamagqabi ebusika;ke yena umntu ofanelekileyo uhluma njengamagqabi entlakohlaza.

29 Umntu oyinkathazo ekhayeni udla ilifa elingumoya;sona isiyatha siba sisicaka sesilumko.

30 Isiqhamo sâbo balungisayo ngumthi onika ubomi;umntu onobulumko uhlangula imiphefumlo yabantu.

31 Umntu olilungisa umvuzo wakhe uwuzuza kwalapha emhlabeni;kobeka phi ke ukohlwaywa komqhankqalazi nomoni?

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31