12 Basenokuthi: “Yiza, siza kumcim' igama njengosengcwabeni,abe ngathi uginywe lelabafileyo,
13 size ke thina sizithathele konke okunexabiso,izindlu zethu zitsho zizale ngamaxhoba.
14 Hayi, mfondini, yiza, uzibandakanye nathi;yoba nye ingxowa yethu sonke.”
15 Nyana wam, zikhwebule kwiindlela zabo,ulubuyise nonyawo lwakho kuzo.
16 Kaloku iinyawo zabo aziva ntambo ukuleqeka esonweni;bayakhawuleza ukuphalaza igazi.
17 Nakuba kungancedi nto nje ukuthiyela intakaxa isibona isabatha eso,
18 kodwa bona balalela elabo igazi;ewe, bazonda owabo umphefumlo.