20 UNdikhoyo ubathiyile abantu abantliziyo zinenkohlakalo;kanti ke ukholiswa ngabasimo sisulungekileyo.
21 Ngokuqinisekileyo baya kohlwaywa abantu abenza izinto ezimbi;kambe ke bona abenza izinto ezilungileyo baya kusinda.
22 Ubunzwakazi bomfazi ongenangqiqobufana nomsesane wegolide empumlweni yehagu.
23 Umnqweno womntu olilungisa uzala ubuhle;ke lona ithemba lesikhohlakali liza nengqumbo.
24 Abanye abantu banezinwe kodwa bahambela phambili ngenkqubela;kanti ke bambi abasoluli isandla noko baya beswela ngokuswela.
25 Umntu ophayo uba nenkqubela;ukuba ùyabanceda abanye abantu nawe uya kuncedwa.
26 Abantu bayamshwabulela umntu okubandezayo ukudla;kanti ke bayamthamsanqela lowo ukuthengisayo.