25 Umntu ophayo uba nenkqubela;ukuba ùyabanceda abanye abantu nawe uya kuncedwa.
26 Abantu bayamshwabulela umntu okubandezayo ukudla;kanti ke bayamthamsanqela lowo ukuthengisayo.
27 Umntu ofuna okuhle uzuza okulungileyo;phofu ke yena ozungula ububi uzuza kwabona.
28 Umntu okholosa ngobutyebi bakhe uvuthuluka njengamagqabi ebusika;ke yena umntu ofanelekileyo uhluma njengamagqabi entlakohlaza.
29 Umntu oyinkathazo ekhayeni udla ilifa elingumoya;sona isiyatha siba sisicaka sesilumko.
30 Isiqhamo sâbo balungisayo ngumthi onika ubomi;umntu onobulumko uhlangula imiphefumlo yabantu.
31 Umntu olilungisa umvuzo wakhe uwuzuza kwalapha emhlabeni;kobeka phi ke ukohlwaywa komqhankqalazi nomoni?