18 Amazwi okulavuza ahlabanisela njengekrele;kambe ke wona amazwi ezilumko ayaphilisa.
19 Inyaniso ima ngonaphakade;ke bona ubuxoki bobomzuzwana.
20 Abo bantliziyo zinenkohliso ngabo abacebi bobubi;kambe ke abakhuthaza uxolo bazuza ulonwabo.
21 Amalungisa akahlelwa bubi;ke bona abakhohlakeleyo baphahlwe ziinkathazo.
22 UNdikhoyo uyamcaphukela umntu oxokayo,kodwa uyakholiswa ngonyanisekileyo.
23 Umntu oqiqayo akalubhengezi ulwazi lwakhe;ke sona isiyatha sihamba sivakalisa ubudenge baso.
24 Abakhutheleyo ngabo abaya kulawula;ke wona amavila aphelela kumsebenzi wobukhoboka.