22 UNdikhoyo uyamcaphukela umntu oxokayo,kodwa uyakholiswa ngonyanisekileyo.
23 Umntu oqiqayo akalubhengezi ulwazi lwakhe;ke sona isiyatha sihamba sivakalisa ubudenge baso.
24 Abakhutheleyo ngabo abaya kulawula;ke wona amavila aphelela kumsebenzi wobukhoboka.
25 Amaxhala ayamtyhafisa umntu;ke wona amazwi enkuthazo ayahlaziya.
26 Ilungisa limalathisa indlela ummelwane;ke yona indlela yabakhohlakeleyo iyabalahlekisa.
27 Umntu onqenayo akayosi nenyamakazi le ayizingelayo;kodwa ke osebenzayo uzuza impahla exabisekileyo.
28 Indlela yobulungisa isinga ebomini;ewe, yiyo leyo indlela engasingisi ekufeni.