3 Akakho umntu onokuzinza eqamele ngenkohlakalo;kambe ke wona amalungisa amila abe neengcambu ezingenakugungqiswa.
4 Umfazi ofanelekileyo yintshinga yendoda yakhe;ke yena umfazi oyithwalela amahlazo indoda yakhe ufana nempehla emathanjeni ayo.
5 Iingcinga zamalungisa zinyanisekile;ke wona amacebo ezikhohlakali yinkohliso.
6 Amazwi abantu abakhohlakeleyo ngawokulalela igazi;kambe ke wona amazwi abantu abathe ngqo ayasindisa.
7 Sakukhiqwa isikhohlakali iyaphela intw' ebithethwa;kambe ke yona indlu yamalungisa ima imi.
8 Umntu onengqondo uxatyisiwe;phofu ke yena osisidodo ngengqondo akazelwe nto.
9 Kulungile ukuba ngongenagama, kodwa noko unaso isicaka,kunokuzenza isinhanha kodwa ulamba.