10 Ikratshi liphembelela ingxabano;ke bona ubulumko buzuzwa ngabo bamkela iingcebiso.
11 Ubutyebi obufumaneka bumini buphuncuka lula;obufumaneka ngendlela ecothayo buya busanda ngokwanda.
12 Umnqweno ongafezekiyo uyamngcungcuthekisa umntu;kanti ke wakufezeka umnqweno ufana nomthi onika ubomi.
13 Umntu ozidelayo iziluleko uzibizela intshabalalo;kambe ke yena owuhlonelayo umyalelo uya kuba nomvuzo.
14 Imfundiso yesilumko ngumthombo wobomi,kuba umntu imhlangula kwizabatha zokufa.
15 Umntu oqiqayo uyahlonelwa;kanti ke yona indlela yabangathembekanga iyadaka.
16 Umntu onengqondo uyaqiqa phambi kokuba ayenze into,kodwa yena umntu osisiyatha uyabudandalazisa ubutyhakala bakhe.