16 Umntu onengqondo uyaqiqa phambi kokuba ayenze into,kodwa yena umntu osisiyatha uyabudandalazisa ubutyhakala bakhe.
17 Umthunywa ongathembekanga uzifaka enkathazweni;kambe ke yena onyanisekileyo uzisa ukuphila.
18 Umntu ongakhathalele ngqeqesho ulandelwa kukuhlazeka nobuhlwempu,ke yena oziphulaphulayo iziluleko uyahlonelwa.
19 Ukufezeka komnqweno luyolo emphefumlweni.Iziyatha ziyakucekisa ukwahlukana nobubi.
20 Umntu ovana nezilumko naye uba sisilumko;ke yena otshomana nezityhakala uyenzakala.
21 Umoni uthiwa mbende ngamashwa,kanti ke yena olungisayo uvuzwa ngenkqubela.
22 Umfo obhadlileyo ubashiyela ilifa abazukulwana bakhe,ke bona ubutyebi besityhakala lilifa lamalungisa.