14 Umntu onganyanisekanga uvuna loo nto ayilimileyo,kanti nomntu olungileyo utya isimilo sakhe.
15 Umntu ongaqondiyo ukholelwa yinto yonke;kanti ke yena oqiqayo uhlab' ekhangele.
16 Umntu onengqondo uhlala egcisile, ayiphephe inkathazo;ke sona isityhakala asikhathali, siyatyhuthuza.
17 Umntu ocaphuka msinya wenza izinto zobudenge;umntu onobuqhophololo uyathiywa.
18 Umntu ongaqondiyo uvuna ubutyhakala;ke yena onengqondo uthiwa jize ngolwazi.
19 Abantu abagwenxa baya kuqubuda phambi kwabo balungileyo,bakhahlele emasangweni amalungisa.
20 Ihlwempu libukulwa nditsho nangummelwane;kanti ke yena umntu omi kakuhle unezihlobo ezininzi.