21 Umntu omdelelayo ummelwane wakhe uyona,kambe ke olenzela ububele ihlwempu, hayi inyhweba yakhe!
22 Abayi kulahleka na abo bayila ububi?Inceba nenyaniso ikwabo baceba okulungileyo.
23 Ekubulalekeni kukusebenza kukho umvuzo;ke yena olibala kukuncokola wambathwa bubuhlwempu kuphela.
24 Abantu abazizilumko bathiwa jize ngobutyebi;ke bona ubutyhakala beziyatha buvelisa ubutyhakala.
25 Ingqina elinyanisekileyo liyabasindisa abantu;kodwa ke lona elixokayo liyakhohlisa.
26 Umntu omhlonelayo uNdikhoyo unenqaba eluqilima;nabantwana bakhe bazimela kuyo.
27 Isiseko sobomi kukuthobela uNdikhoyo;umntu kuyamphephisa kwizirhintyelo zokufa.