24 Abantu abazizilumko bathiwa jize ngobutyebi;ke bona ubutyhakala beziyatha buvelisa ubutyhakala.
25 Ingqina elinyanisekileyo liyabasindisa abantu;kodwa ke lona elixokayo liyakhohlisa.
26 Umntu omhlonelayo uNdikhoyo unenqaba eluqilima;nabantwana bakhe bazimela kuyo.
27 Isiseko sobomi kukuthobela uNdikhoyo;umntu kuyamphephisa kwizirhintyelo zokufa.
28 Ubuhandiba bokumkani buxhomekeke kubuninzi babantu bakhe;kambe bengekho abantu bokulawulwa itshawe alinto.
29 Umntu onomonde uba nengqiqo;kambe ke yena ocaphuka msinya usuka enze ubudenge.
30 Umntu ozolileyo uba nempilo;ke lona ikhwele yimpehla emathanjeni.