28 Ubuhandiba bokumkani buxhomekeke kubuninzi babantu bakhe;kambe bengekho abantu bokulawulwa itshawe alinto.
29 Umntu onomonde uba nengqiqo;kambe ke yena ocaphuka msinya usuka enze ubudenge.
30 Umntu ozolileyo uba nempilo;ke lona ikhwele yimpehla emathanjeni.
31 Umntu ocinezela ihlwempu ugxeka uMdali walo;ke yena obalungiselelayo abahlelelekileyo udumisa uMdali.
32 Umntu okhohlakeleyo ubhangiswa bububi bakhe;kanti ke yena olilungisa unenqaba azimela ngayo nasekufeni.
33 Ubulumko busekhaya kumntu obhadlileyo;kanti buyazibika naphakathi kweziyatha.
34 Ubulungisa buyasiphakamisa isizwe;ke sona isono lihlazo nakwesiphi na isizwe.