30 Umntu ozolileyo uba nempilo;ke lona ikhwele yimpehla emathanjeni.
31 Umntu ocinezela ihlwempu ugxeka uMdali walo;ke yena obalungiselelayo abahlelelekileyo udumisa uMdali.
32 Umntu okhohlakeleyo ubhangiswa bububi bakhe;kanti ke yena olilungisa unenqaba azimela ngayo nasekufeni.
33 Ubulumko busekhaya kumntu obhadlileyo;kanti buyazibika naphakathi kweziyatha.
34 Ubulungisa buyasiphakamisa isizwe;ke sona isono lihlazo nakwesiphi na isizwe.
35 Ukumkani uyakholiswa liphakathi elilumkileyo,kodwa umsindo wakhe uyavutha kowenza okuziintloni.