26 UNdikhoyo uyazicaphukela iingcinga zabantu abagwenxa;kanti ezabanyulu zamkelekile kuye.
27 Umntu onyolukileyo uyihlisela inkathazo indlu yakhe;ke yena okuthiyileyo ukunyotywa uya kudla ubomi.
28 Umntu olilungisa uyacinga phambi kokuba aphendule;ke wona umlomo womntu okhohlakeleyo uphuphuma ububi.
29 UNdikhoyo ukude kubantu abakhohlakeleyo;phofu ke uyayiphulaphula imithandazo yamalungisa.
30 Imbonakalo echwayitileyo izisa ulonwabo entliziyweni;ibe ke zona iindaba ezimnandi ziyahlaziya emathanjeni.
31 Umntu ophulaphula ukucetyiswa uya kudla ubomi,azive esekhaya phakathi kwezilumko.
32 Umntu ongayifuniyo ingqeqesho uyazilimaza yena ngokwakhe:kanti ke yena ovayo akululekwa uzuza ukuqonda.