3 UNdikhoyo uyazibona zonke izinto ezenzekayo;ubakhangele abenza okubi nokulungileyo.
4 Amazwi axolelanisayo angumthi wobomi;ke wona awenkohlakalo ayawaphula umoya.
5 Umntu ongaqiqiyo akayikhathalele imfundiso kayise;kambe ke yena ozamkelayo iziluleko unengqondo.
6 Ubutyebi buyagcinakala emzini womntu olungileyo;kanti ke yona ingeniso yesikhohlakali isiphathela inkathazo.
7 Umlomo wesilumko usasaza ulwazi;phofu ke akunjalo kwintliziyo yesityhakala.
8 Amadini omntu okhohlakeleyo alisikizi kuNdikhoyo,kambe ke uyayamkela imithandazo yabantu abathe ngqo.
9 UNdikhoyo uyazicaphukela iindlela zabantu abakhohlakeleyo,kodwa uyabathanda abo bathene mbende nezinto ezifanelekileyo.