9 Umntu uyalucwangcwisa uhambo lwakhe,kodwa nguNdikhoyo olawula ukunyathela kwakhe.
10 Ukuthetha kukakumkani kuba ludaba olundilisekileyo;umlomo wakhe mawungabi naxanasi xa agwebayo.
11 UNdikhoyo ufuna kusetyenziswe isilinganiso nesikali esingenagobe;ubunzima bamatye okuveyisha mabube ngokwezigqibo zakhe.
12 Ookumkani bayabucekisa ubugwenxa;kaloku uburhulumente buzinziswa bubulungisa.
13 Ookumkani bayakholiswa ngumntu onyanisekileyo;ewe, bayamxabisa umntu othetha inyaniso.
14 Umsindo kakumkani sisigidimi sokufa;ke yena umntu olumkileyo uyamthomalalisa.
15 Xa bukhululekile ubuso bukakumkani kudliwa ubomi;ukwamkeleka kuye nqwa nemvula entlakohlaza.