16 Umntu ozithobelayo iziluleko uzuza ubomi;ke yena ongayikhathaleliyo ihambo yakhe uyafa.
17 Umntu opha ohlelelekileyo ufana noboleka uNdikhoyo;uNdikhoyo uya kumbuyisela.
18 Mqeqeshe unyana wakho, kuba oko kunika ithemba,kodwa ke ungagabadeli ude umbulale.
19 Umntu ocaphuka msinya uvuna loo nto ayilimileyo;ukuba ukhe wamnceda kwaba kanye uya kuphinda-phinda.
20 Waphulaphule amacebiso, ukwamkele ukululekwa –ekugqibeleni uya kuba nobulumko.
21 Umntu uyaceba acwangcise entliziyweni yakhe,kodwa ke licebo likaNdikhoyo eliphumelelayo.
22 Umntu uzilahlela kuloo nto ayinqwenelayo;phofu akunani kwaukuba lihlwempu kunokuba lixoki.