19 Umntu ocaphuka msinya uvuna loo nto ayilimileyo;ukuba ukhe wamnceda kwaba kanye uya kuphinda-phinda.
20 Waphulaphule amacebiso, ukwamkele ukululekwa –ekugqibeleni uya kuba nobulumko.
21 Umntu uyaceba acwangcise entliziyweni yakhe,kodwa ke licebo likaNdikhoyo eliphumelelayo.
22 Umntu uzilahlela kuloo nto ayinqwenelayo;phofu akunani kwaukuba lihlwempu kunokuba lixoki.
23 Obona bomi kukuhlonela uNdikhoyo;umntu owenjenjalo uyazonwabela, inkathazo ingamchaphazeli.
24 Ivila liyakha esityeni,kodwa lingabi nako ukusa emlonyeni.
25 Mohlwaye umntu odelelayo, ukuze bazuze ukuqonda abangekabi namava;isilumko siyafunda sakululekwa.