23 Obona bomi kukuhlonela uNdikhoyo;umntu owenjenjalo uyazonwabela, inkathazo ingamchaphazeli.
24 Ivila liyakha esityeni,kodwa lingabi nako ukusa emlonyeni.
25 Mohlwaye umntu odelelayo, ukuze bazuze ukuqonda abangekabi namava;isilumko siyafunda sakululekwa.
26 Unyana ophatha gadalala uyise, agxothe unina,ngunyana olihlazo nonamanyondololo.
27 Nyana wam, ukuba uthe walutyeshela uqeqesho,uya kuphulukana namazwi anolwazi.
28 Ingqina elingungantweni liyabugqwetha ubulungisa;okuphuma emlonyeni womntu okhohlakeleyo bububi bodwa.
29 Umgxeki ufanelwe kukugwetywa;ke sona isiyatha silindelwe kukutyatyushwa emhlana.