3 Ubuyatha bomntu buyabulimaza ubomi bakhe,aze ke entliziyweni yakhe asole uNdikhoyo.
4 Isinhanha siba nezihlobo ezininzi,kodwa lona ihlwempu libalekwa nazezikhoyo.
5 Ingqina elixokayo liyohlwaywa;umntu ongathethi nyani enkundleni akasindi.
6 Baninzi abacenga izikhulu;bonke abantu bazizihlobo zomntu ophayo.
7 Ihlwempu alifunwa nangabakowalo; yeka ke ukungafunwa kwalo zizihlobo!Noba selizifuna linezicengo soze lizifumane.
8 Ozingela ubulumko uyazithanda ngokwakhe;okuxabisileyo ukuqonda uzuza ukonwaba.
9 Ingqina elixokayo liyohlwaywa;umntu ongathethi nyani enkundleni uyatshabalala.