5 Ingqina elixokayo liyohlwaywa;umntu ongathethi nyani enkundleni akasindi.
6 Baninzi abacenga izikhulu;bonke abantu bazizihlobo zomntu ophayo.
7 Ihlwempu alifunwa nangabakowalo; yeka ke ukungafunwa kwalo zizihlobo!Noba selizifuna linezicengo soze lizifumane.
8 Ozingela ubulumko uyazithanda ngokwakhe;okuxabisileyo ukuqonda uzuza ukonwaba.
9 Ingqina elixokayo liyohlwaywa;umntu ongathethi nyani enkundleni uyatshabalala.
10 Isiyatha asifanelwa kukuthi zava –kobeka phi ukuba kubi kokuba amatshawe aphathwe sisicaka?
11 Umntu onengqondo akacaphuki msinya;kuye linqaku ukungakhathali noba selesoniwa.