7 Ihlwempu alifunwa nangabakowalo; yeka ke ukungafunwa kwalo zizihlobo!Noba selizifuna linezicengo soze lizifumane.
8 Ozingela ubulumko uyazithanda ngokwakhe;okuxabisileyo ukuqonda uzuza ukonwaba.
9 Ingqina elixokayo liyohlwaywa;umntu ongathethi nyani enkundleni uyatshabalala.
10 Isiyatha asifanelwa kukuthi zava –kobeka phi ukuba kubi kokuba amatshawe aphathwe sisicaka?
11 Umntu onengqondo akacaphuki msinya;kuye linqaku ukungakhathali noba selesoniwa.
12 Umsindo kakumkani unjengokugragrama kwengonyama;ke kona ukwamkeleka kuye kunjengombethe phezu kohlaza.
13 Unyana osisiyatha uyamtshonisa uyise;kanti ke yena umfazi onochuku ufana nendlu enethontsi.