1 Iwayini ngumgxeki; utywala yingxolo;umntu ohexiswa bubo akanabo ubulumko.
2 Ukumkani xa enomsindo nqwa nengonyama enengcwangu egragramayo;umntu omcaphukisayo ubeka ubomi bakhe emngciphekweni.
3 Umntu onesidima uyasicezela isiphithi-phithi;kanti ke sona isiyatha siyathanda ukuphemba uqhushululu.
4 Ivila alilimi ngexesha lokulima;ngoko ke ngexesha lokuvuna liyafuna lingazuzi nto.
5 Iingcinga zomntu zifana nequla elinzulu;ke yena umntu oqiqayo ukha ulutho kuzo.