12 Indlebe evayo neliso elibonayo,zombini ezo zinto zenziwe nguNdikhoyo.
13 Sukuzinikela ebuthongweni hleze ube lihlwempu!Umntu ophaphamileyo akasweli kutya.
14 “Hayi bo, ayilunganga kwaphela,” utsho othengayo,kodwa asuke emke alilisele ngesisulu asifumeneyo!
15 Ikho igolide, ngokunjalo namatye amaninzi axabisekileyo;kanti ke eyona nto ixabisekileyo kukuthetha ulwazi.
16 Zithathe iimpahla zomntu omele ityala londwendwe;ewe, bambisa ngazo, kuba umele umntu wasemzini.
17 Ukutya okufunyenwe ngobuqhetseba kuhla kamnandi,kanti ke kamva kusuka kulumeze okomlomo ozele yintlabathi.
18 Xa ufuna ukuphumelela qokelela amacebo;ewe, cwangcisa uqokelele amacebo phambi kokuba uqhwaye imfazwe.