17 Ukutya okufunyenwe ngobuqhetseba kuhla kamnandi,kanti ke kamva kusuka kulumeze okomlomo ozele yintlabathi.
18 Xa ufuna ukuphumelela qokelela amacebo;ewe, cwangcisa uqokelele amacebo phambi kokuba uqhwaye imfazwe.
19 Umntu onolwimi uyawadiza amahlebo,ngoko ke sukudlelana nabantu abathetha gqitha.
20 Umntu othuka uyise noninaubomi bakhe busuka buthi pam njengesibane esicime kwisithoko-thoko sobumnyama.
21 Ilifa lisenokuzuzwa buphuthu-phuthu ekuqaleni,kodwa ekugqibeleni alingekhe likuzisele amathamsanqa.
22 Musa ukuthi: “Ndiya kuziphindezela ngenxa yobu bugwenxa.”Yekela kuNdikhoyo ibe nguye okuhlangulayo.
23 UNdikhoyo uyawacekisa amatye okulinganisa abunzima bungafaniyo;isikali sobuqhetseba asilunganga.