21 Ilifa lisenokuzuzwa buphuthu-phuthu ekuqaleni,kodwa ekugqibeleni alingekhe likuzisele amathamsanqa.
22 Musa ukuthi: “Ndiya kuziphindezela ngenxa yobu bugwenxa.”Yekela kuNdikhoyo ibe nguye okuhlangulayo.
23 UNdikhoyo uyawacekisa amatye okulinganisa abunzima bungafaniyo;isikali sobuqhetseba asilunganga.
24 Umntu akanako ukuyiqonda indlela ayihambayo,kuba amabakala obomi bakhe axhomekeke kuNdikhoyo.
25 Kufana nomgibe emntwini xa enikezele ngento kuNdikhoyo buphuthu-phuthu,aze kamva acinge ngenye indlela ngezibhambathiso zakhe.
26 Ukumkani olumkileyo uyabahluza abantu abakhohlakeleyo,abanyhashe oku kwevili lokubhula.
27 Isazela somntu sisibane sikaNdikhoyo;ngaso uphicotha konke okufihlakeleyo ngaphakathi emntwini.