17 Umntu othanda iziyolo uya kuba lihlwempu;kanti ke yena umntu othanda iwayini namafutha omnquma soze abe sisityebi.
18 Kulula ukuncama umntu okhohlakeleyo ngenxa yolungileyo,othembekileyo athathe isikhundla songathembekanga.
19 Kubhetele ube lilolo entlango,kunokuhlala nomfazi onochuku okhalazayo.
20 Endlwini yesilumko kusoloko kukho ubuncwane namafutha omnquma,kodwa sona isiyatha sizavaza konke.
21 Umntu oxunela ubulungisa nencebaufumana ubomi nobulungisa nodumo.
22 Isilumko siqabela ngaphaya kweendonga zesixeko samagorha,siyidilize inqaba athembele kuyo.
23 Lowo uwubambayo umlomo wakhe nolwimi lwakheukhusela ubomi bakhe kwiinkxwaleko.