2 Zonke iindlela zomntu zibonakala zilungile kwawakhe amehlo,kanti ke nguNdikhoyo oyibeka esikalini intliziyo yomntu.
3 Ukwenza ubulungisa nokuthe ngqokwamkelekile kuNdikhoyo kunamadini.
4 Amehlo azigwagwisayo nentliziyo ezidlayo,nditsho isibane sezikhohlakali, sisono.
5 Amacebo omntu okhutheleyo amnika indyebo,kodwa ke yena umntu otyhuthuzayo uzibizela ubuhlwempu.
6 Ubutyebi obufumene ngobuqhetseba buphephetheka njengenkungu,futhi bukubeka emngciphekweni wokufa.
7 Ubundlobongela bezikhohlakali buyaziqweqwedisa,kuba azivumi ukwenza okufanelekileyo.
8 Iindlela zomntu onetyala zigoso-goso,kodwa ke yena umntu omsulwa wenza imisebenzi efanelekileyo.