6 Ubutyebi obufumene ngobuqhetseba buphephetheka njengenkungu,futhi bukubeka emngciphekweni wokufa.
7 Ubundlobongela bezikhohlakali buyaziqweqwedisa,kuba azivumi ukwenza okufanelekileyo.
8 Iindlela zomntu onetyala zigoso-goso,kodwa ke yena umntu omsulwa wenza imisebenzi efanelekileyo.
9 Akunani kwaukuhlala wedwa, noba kuphezu kwendlu,ndaweni yokuhlala ndlwini-nye nomfazi ongunogqwashu.
10 Umntu okhohlakeleyo usoloko elambele ukwenza into embi;ummelwane wakhe akafumani nceba kuye.
11 Akohlwaywa umgxeki, nabangaqondiyo batsho bafumane isifundo;sakufundiswa isilumko, sizuza ukwazi.
12 UThixo olilungisa uyazazi izinto ezenzeka kwimizi yabantu abakhohlakeleyo,yaye ke eya kuzibhangisa izikhohlakali ngenxa yobubi bazo.