19 Ndikwazisa wona ke namhlanje,ukuze wena kanye ube nako ukukholosa *ngoNdikhoyo.
20 Ngoko ke nazi iingongoma endikubhalele zona zimashumi mathathu,ziqulethe ubulumko namacebiso.
21 Ezi ngongoma ziya kukunceda ukwazi ukuyicalula inyaniso,utsho ukwazi ukunika ingxelo enyanisekileyo xa uthunyiwe.
22 Musa ukuthi kuba umntu elihlwempu umxhaphaze;futhi sukumcinezela umntu ohlelelekileyo xa esematyaleni.
23 Kaloku uNdikhoyo ngokwakhe uya kuba ngummeli wabo,abaphange abo babaphangayo.
24 Musa ukuhlobana nomntu onephuku;sukuhambisana nonkom' iyahlaba.
25 Kaloku xa usenjenjalo uya kugcayiseleka,nawe uzibhaqe sesikusulele eso simo sakhe.