4 Ukuba uyazithoba, umhlonela uNdikhoyo,uya kuxhamla ubutyebi, isidima, nobomi.
5 Indlela yamatshijolo iphahlwe ngameva nemigibe;ke yena umntu okhusela ubomi bakhe uyayicezela.
6 Ukuba umntwana umqeqeshile ngendlela yokuziphatha,soze ahlukane nayo naxa selekhulile.
7 Umntu osisityebi uyalilawula ihlwempu;nalowo ubolekayo likhoboka lalowo ubolekisayo.
8 Umntu ohlwayela inkohlakalo uvuna iinkxwaleko,nentonga yomsindo wakhe iya kwaphuka.
9 Umntu onezinwe uyathamsanqeleka,kuba kaloku uyawapha amahlwempu kukutya anako.
10 Wakumgxotha umgxeki itsho iphele ingxabano,ngokunjalo zitsho zinqamke iingxwaba-ngxwaba nokunyelisa.