25 Kambe ke yena umgwebi omohlwayayo umntu owonileyouba nentsikelelo kunye nenkqubela.
26 Impendulo ethe gcanqwa nokuncamisa umhlobo emlonyeni.
27 Qala ulungise ishishini lakho, ulime amasimi akho,emva koko wakhe indluyakho.
28 Sukuthi kungekho sizathu unike ubungqina obumtshonisayo ummelwane,okanye ukhohlise ngomlomo wakho.
29 Musa ukuthi: “Ndiya kwenza kuye njengoko enzile kum;ndiya kumenzakalisa ngokwezenzo zakhe.”
30 Ndathi ndihamba ndagqitha entsimini yevila;ewe, ndadlula kwisidiliya somntu ongenangqondo.
31 Sasitshone lé elukhuleni, sifuthwe nayinkunzane;ke lona udonga olwalubiyele lwaludilikile.