4 Lulwazi oluzalisa amagumbi endlu,itsho ivathiswe ngezinto ezintle nezixabisekileyo.
5 Umfo osisilumko unamandla;ewe, indoda enolwazi iya isomelela ngokomelela.
6 Phambi kokuba uye emfazweni hlala phantsi ucwangcise kuqala;uloyiso lungabakho xa unabacebisi abaninzi.
7 Ubulumko yintsokotha kumntu osisiyatha;yena uyalabalaba xa kuxoxwa kwindibano ngasesangweni.
8 Umntu osoloko eyila ukwenza ububiuya kwaziwa ngokuba nguSomayelenqe.
9 Amayelenqe esidenge ayafadalala;ke yena umntu osoloko egxeka abanye uthiyiwe ngabantu.
10 Ukuba unamathidala ngamaxesha eenkathazo,awunawo amandla okujongana nawo.