1 Nezi ikwazizafobe zikaSolomon ezaqokelelwa ngamagosa kakumkani uHezekiya wakwaJuda:
2 Isihomo sikaThixo siphuhliswa zizinto eziyimfihlakalo;kambe ke sona isidima sokumkani kukuphengulula imicimbi.
3 Njengokuphakama kwesibhakabhaka nobunzulu bomhlaba,zikwanjalo ukungabi nakugocagocwa iingcamango zookumkani.
4 Wakuyicwenga isiliva,nengcibi itsho ikwazi ukuyisebenzisa;
5 akukhiqwa amaphakathi aphuthileyo,ulawulo lokumkani lutsho ludume ngokuzinza.
6 Xa ukomkhulu musa ukuzigqatsa;sukuhlala endaweni yezikhulu.