20 Ukuculela umntu oneenzingo kufana nokumhambisa ze mhla kubandayo,okanye kunjengokonakalisa isoda ngokuyixuba neviniga.
21 Xa ufumana utshaba lwakho lulambile, luphe ukutya;lwakunxanwa, luphe amanzi.
22 Ngokwenjenjalo ke woba uluqhubela enguqukweni,*noNdikhoyo wokuvuza.
23 Umoya wasentla uzisa imvula,kodwa ke yona intlebendwane iza nengxabano.
24 Akunani kwaukuhlala wedwa noba kuphezu kwendlu,ndaweni yokuhlala ndlwini-nye nomfazi ongunogqwashu.
25 Iindaba ezimnandi ezivela kwelikudezihlaziya oku kwamanzi abandayo emntwini odiniweyo.
26 Akoyiswa sisikhohlakali umntu olungileyoloo nto ifana nequla eligxobhekileyo okanye nomthombo ongcolisekileyo.