1 Ukuncoma isityhakala ngumhlola onjengokuba kusuke kukhithike ehlotyeni,okanye kune imvula ngexesha lokuvuna.
2 Isishwabulo kungekho sizathu asiphumeleli;sifana nokundanda kwamahlankomo neenkonjane ezingahlali phantsi.
3 Ihashe liyabethwa, ke yona idonki ilawulwa ngomkhala,kanti ke sona isinyabi sivuswa ngentonga.
4 Sukuphendulana nesiyatha,hleze nawe lo uzibhaqe sewufana naso.
5 Xa umntu ebuza umbuzo wobudenge mlinganisele,hleze azicingele ukuba usisilumko.
6 Ukuthemba isidenge somthunywa kukuzenzakalisanqwa nokuzinqumla imilenze.