19 umntu okhohlisa ummelwane wakhe aze ajike athi: “Hayi, bendiqhula nje.”
20 Zakuphela iinkuni uyacima umlilo.Xa kungekho mntu uphixanisayo kuyaphela ukungevani.
21 Ziinkuni ezivuthisa umlilo kwanjengokuba iintlantsi ziwavuthisa amalahle;ukwanjalo ke nomntu onochuku ukuphembelela ingxabano.
22 Amazwi omntu ohlebayo anencasa;abantu basuka bawathi bimbilili.
23 Amazwi alalanisayo efihla inkohlakalonqwa nesitya somdongwe esigqunywe ngesiliva ngaphandle.
24 Umntu onentiyo usenokuyifihla ngendlela athetha ngayo,kodwa ngaphakathi abe esabambelele enkohlakalweni.
25 Ewe, walumkele loo mazwi akhe amnandi,kuba intliziyo yakhe iyaphuphuma ngamanyondololo.