14 Umntu okhahlela ummelwana wakhe ngemibuliso kwasekusenikusenokuba ngathiuyamshwabulela.
15 Umfazi osoloko eqhwaya ingxabanoufana namathontsi emvula engumvimbi.
16 Unjengomoya wona ungenakunqandwa,nqwa namafutha wona angenako ukufunjathwa.
17 Iintsimbi ziyalolana;ngokunjalo ke nezihlobo ziyakhuthazana.
18 Umntu owukhathaleleyo umthi womkhiwane uyawafumana amakhiwane,nomntu oyibusayo inkosi yakhe uya kuwongwa.
19 Umfanekiso womntu emanzini ubonakalisa inkangeleko yakhe;ngokunjalo nentliziyo yomntu ibonakalisa into ayiyo.
20 Ingcwaba nelabafileyo alize lihlúthe;akwanjalo namehlo omntu.