16 Unjengomoya wona ungenakunqandwa,nqwa namafutha wona angenako ukufunjathwa.
17 Iintsimbi ziyalolana;ngokunjalo ke nezihlobo ziyakhuthazana.
18 Umntu owukhathaleleyo umthi womkhiwane uyawafumana amakhiwane,nomntu oyibusayo inkosi yakhe uya kuwongwa.
19 Umfanekiso womntu emanzini ubonakalisa inkangeleko yakhe;ngokunjalo nentliziyo yomntu ibonakalisa into ayiyo.
20 Ingcwaba nelabafileyo alize lihlúthe;akwanjalo namehlo omntu.
21 Isiliva ivavanywa ngokuyinyibilikisa embizeni;igolide ivavanywa ngokuyinyibilikisa kwiziko lomlilo;ke yena umntu uvavanywa ludumo alufumana ebantwini.
22 Nokuba ungade usingqushe kunye nombona isityhakala,soze ubukhuphe ubutyhakala baso.