1 Umntu okhohlakeleyo ubaleka kungekho mntu umsukelayo;ke wona amalungisa anobuganga njengeengonyama.
2 Xa ilizwe linovukelo baba baninzi abafuna ukuphatha,kodwa xa kukho ophatha ngengqiqo nolwazi uyazinza.
3 Umfo osweleyo otshutshisa amahlwempuuyafana nesikhukula esizitshabalalisayo izilimo.
4 Izaphula-mthetho ziyazincoma izikhohlakali,kambe ke bona abawuthobelayo umthetho bayazichasa izikhohlakali.
5 Abantu abagwenxa ababuqondi ubulungisa;kanti ke abo bazondelela uNdikhoyo baqonda zonke izinto.
6 Lilungile ihlwempu elihambo ingenabalangaphezu komkhohlisi ondlela zimbaxa nokuba usisityebi.
7 Umntwana onengqondo uyawuthobela umyalelo;ke yena otshomana noongantweni ubaphathela ihlazo abazali bakhe.