15 Isiphathamandla esikhohlakeleyo, esilawula abantu abangenakuzilwela,sinjengengonyama egragramayo, okanye ibhere ehlaselayo.
16 Umlawuli ongenangqondo uba ngumcinezeli;ke yena umlawuli oyithiyileyo inzuzo yobuqhetseba uba nexesha elide.
17 Umntu ongcungcuthekiswa lityala lokubulala woba ngumsabi ade afe;makungabikho bani umxhasayo.
18 Umntu ohamba ngengqibelelo uyakhuseleka ebomini;ke yena ondlela zimbaxa uyenzakala ngephanyazo.
19 Umntu owalimayo amasimi akhe akasweli kutya,kanti ke yena osukelana namampunge uvuna ubuhlwempu.
20 Umntu othembekileyo uyathamsanqeleka;kanti ke yena ongxamele ubutyebi akaze abe msulwa.
21 Ukujonga ubuso akulunganga;kodwa ke abanye abantu bangade bone nangenxa yeqhekeza eli lesonka.