23 Omkhalimelayo umntu wothi kamva afumane ukuhlonitshwakunalowo untetho ilalanisayo.
24 Umntu oxhaphaza uyise nokuba ngunina, kodwa abe esithi: “Akukho nto imbi kuloo nto,”akahluke nganto kwisikrelemnqa.
25 Umntu onyolukileyo uphemba uqhushululu;kambe ke yena okholosa ngoNdikhoyo uya kuphumelela.
26 Umntu ozithembileyo akanangqondo;kodwa yena ohamba ngendlela yobulumko ukhuselekile.
27 Umntu onezinwe kumahlwempu akasweli nto;ovala amehlo akhe kwiintswelo zawo wohlala eqalekiswa.
28 Xa kulawula izikhohlakali abantu bayabaleka bazimele,kodwa zakutshabalala amalungisa aba nempumelelo.