1 Umntu okhalinyelwa njalo, kodwa abe neenkani,wosuka aphalale ngephanyazo, angaze abe nabuyambo.
2 Wakuba sezandleni zamalungisa umbuso, batsho bavuye abantu;kambe ke kwakulawula isikhohlakali iba ziincwina zodwa.
3 Othanda ubulumko uvuyisa uyise,kodwa ke yena othene nca namahenyukazi uchitha impahla yakhe.
4 Xa ukumkani elawula ngobulungisa litsho lizinze ilizwe lakhe;kambe ke yena orhwiphiliza irhafu uyalibhuqa.
5 Umntu onyhwalaza ummelwana wakheuzenzela umgibe iinyawo zakhe.
6 Umntu ogwenxa uthiyelwa sisono sakhe;kambe ke yena olilungisa uyaziculela onwabile.
7 Umntu olilungisa unemfobe ngâbo bahlelelekileyo,ke yena umntu okhohlakeleyo akayiqondi nokuyiqonda into enjalo.