11 Isiyatha asiwulawuli umsindo;kambe ke sona isilumko siyaphola sizibambe.
12 Ukuba umlawuli nguthoba-sikutyele,onke amaphakathi akhe oba ngoongcothoza.
13 Ihlwempu ndawonye nalowo ulingcungcuthekisayobafana ngale nto yokuba bobabini banikwe amehlo abonayo nguNdikhoyo.
14 Ukumkani ogweba ityala lehlwempu ngokunyanisekileyoulawulo lwakhe luya kuhlala luzinzile.
15 Uswazi lokululeka ludala ubulumko;kambe ke umntwana ongaqeqeshwayo umzisela ihlazo unina.
16 Xa kulawula izikhohlakali siyanda isono,kambe ke wona amalungisa aya kukubona ukuwa kwazo.
17 Umntwana olulekwayo uya kukunika ukuxola,aze ayivuyise intliziyo yakho.