17 Umntwana olulekwayo uya kukunika ukuxola,aze ayivuyise intliziyo yakho.
18 Abantu abangenawo umbono kaThixo baba ziindlobongela;phofu ke unoyolo umntu owuthobelayo umthetho kaThixo.
19 Akuncedi nto ukulingxolisa ikhoboka,kuba nokuba liyaqonda aliyi kuphulaphula.
20 Uyambona na umntu othetha nje engaqiqanga?Akunani kwaisityhakala kunaye.
21 Ukuba uyalitefisa ikhoboka kwasebutsheni balo,ekugqibeleni liya kukudela.
22 Umntu ofan' acaphuke udala ingxabano;umfo onephuku uwa ewile esonweni.
23 Ikratshi liyamwisa umntu;kambe ke othobekileyo uba nesidima.