30 Musa ukuxabana nomntu ngaphandle kwesizathu,engakwenzanga nto imbi.
31 Musa ukuyilangazelela inzuzo yomntu okhohlakeleyo;ndaweni yaloo nto zicezele iindlela zakhe.
32 Kaloku ulisikizi kuNdikhoyo umntu olitshijolo;kodwa abathe tye bangamathenjwa akhe.
33 UNdikhoyo uwushwabulele umzi womntu okhohlakeleyo;kanti ke wona umzi welungisa uyawuthamsanqela.
34 Ke bona abantu abagxekayo uphoxisa ngabo,aze abenzele isisa abo bazithobayo.
35 Abantu abalumkileyo baya kulidla ilifa udumo;ke zona iziyatha ziya kwambathwa lihlazo.