3 Zange ndabufunda ubulumko;andimazi lowo uyiNgcwele kanye.
4 Kanti ke, ngubani oselekhe waya ezulwini wabuya wehla;ingubani owakha wawubamba ngezakhe izanda umoya?Khona, ngubani owakha wabamba amanzi wawaqhinela ngesondo lengubo yakhe;ingubani khona owamisa imida yehlabathi?Khawutsho kaloku, ukuba unolwazi!Ngubani igama lakhe;ingubani unyana wakhe?
5 “Yonke into ayithethayo uThixo ithembekile;ulikhaka kwabazimela ngaye.
6 Musa ukongeza kwintetho yakhe,hleze akukhalimele, budandalaze ubuxoki bakho.”
7 Awu, Bawo, zimbini nje qha izinto endizicelayo kuwe;ewe, ndiphe zona ndingekafi!
8 Ndikhwebule kubuqhetseba nokuxoka;mandingade ndibe sisityebi okanye ndihlwempuzeke,nto nje ndiqhekezele isonka sam semihla ngemihla,
9 hleze ndikukhanyele ndakuhlutha,ndisuke ndithi: “Kuxa engubani yena *uNdikhoyo?”Ukanti ke naxa ndihlwempuzekile ndingasuka ndibe,ndihlazise igama likaThixo wam.